ISAZISO SESICELO KUPHENGULULO LOLAWULO LOBULUNGISA
NGOKWEMIGQALISELO YOKUPHAKANYISWA KOMTHETHO WOLAWULO LWEZOBULUNGISA WESI-3 KA-2000
EBIBANJWE E ...
Kumcimbi ophakathi kuka uMfaki sicelo ... (iGama elipheleleyo)
ISAZISO siyanikwa sokuba uMfaki sicelo ufuna ukufaka isicelo sophengululo lobulungisa sesi senzo solawulo silandelayo ngokwemigqaliselo yecandelo 6 lokuPhakanyiswa komThetho woLawulo lwezobuLungisa wesi-3 ka-2000.
Isenzo solawulo ekufunwa siphengululwe uLungiso lwangaphakathi (cima iingxelo ezingangeniyo)
a Umfaki sicelo unolu lungiso lwangaphakathi lulandelayo.
b Akukho lungiso lwangaphakathi lumiselweyo.
c Isicelo siyakwenziwa ngokwemigqaliselo yecandelo 72c lomThetho ukukhuphela ngaphandle umfaki sicelo kwimfanelo yokugqiba lonke ulungiso lwangaphakathi kwimiba ebekwe kwingxelo efungelweyo ehlonyelwe apha.
Umyalelo obangiweyo
Umfaki sicelo ubanga olu lungiso lulandelayo, njengoko kubhekiselelwe kwicandelo 8 lomThetho:
Idilesi yomfaki sicelo yokuhanjiswa kwamaxwebhu
Umfaki sicele uthathe ...
apha umfaki sicelo makafake idilesi ekwiikhilomitha ezisi-8 zenkundla esi sicelo sisiwa kuyo apho ayakwamkela kuyo isaziso nenkonzo yazo zonke iinkqubo zokuxoxa.
Imisebenzi yoMmangalelwa (uMlawuli)
Ummangalelwa othathe isenzo solawulu kufuneka kwiintsuku ezili-15 emva kokuhanjiswa kwesi sicelo ahambise kumfakli sicelo kwaye afayile kumbhalisi okanye umabhalane wenkundla, njengoko kunokufuneka kwimeko, ingxelo efungelweyo:
a adwelise amaxwebhu ayimfuneko ekuthathweni kwesigqibo esimisela isenzo esinjalo solawulo;
b axele ukuba khona kwazo naziphi na iirekhodi, mhlawumbi ngohlobo lweletroniki okanye ngenye indlela, zeenkqubo ezikhokelela ekuthathweni kwesigqibo esimisela isenzo solawulo kuqukwa nakuphi na ukuxoxwa okwandulela eso sigqibo; kunye c nokuxela ukuba ingaba izizathu zesenzo solawulo zinikiwe na ngokwemigqaliselo yecandelo 51 lomThetho, kwaye ukuba kunjalo, ukuhlonyelwa kwekopi yezo zizathu okanye ukuba ngaba akukho zizathu zinikweyo ezichaza izizathu zesenzo solawulo.
Qaphela: Umfaki sicelo uyakuba nelungelo kwiintsuku ezili-15 zokuhanjiswa kwengxelo efungelweyo lokuba ahlole kwaye enze iikopi okanye amamele nayiphi na irekhodi kwaye anikwe okukhutshelweyo kwerekhodi enjalo ukuba ngaba umfaki sicelo ufuna njalo. Iindleko zokukhutshelweyo ziyakukhutshwa ngumfaki sicelo kwaye ziyakubakhona iindleko. Kwiintsuku ezili-15 zohlolo olunjalo kunye nokufunyanwa kokukhutshelweyo, nokuba yeyiphi eze mva, umfaki sicelo unelungelo lokufayila nokuhambisa ingxelo efungelweyo eyongezelelweyo.
Ukuchasa isicelo
Ummangalelwa (umlawuli) kunye naliphi na iqela elinqwenela ukuchasa ukunikwa komyalelo obangiweyo kufuneka'-
a kwiintsuku ezili-10 zokuhanjiswa kwayo nayiphi na ingxelo efungelweyo enjalo eyongezelelweyo okanye ekupheleni kwexesha lokuhanjiswa kwefayile yengxelo efungelweyo enjalo ahambise isaziso senjongo yokuchasa kwaye kwisaziso esinjalo afune idilesi ekwiikhilomitha ezisi-8 ukusuka kwi-ofisi yombhalisi okanye umabhalane wenkundla apho onke amaxwebhu angaphaya anokuhanjiswa khona; kwaye b kwiintsuku ezili-15 emva koko afayile kwaye ahambise iingxelo ezifungelweyo iqela elinokuzifuna ukuphendula kwizityholo ezenziwe ngumfaki sicelo.
Amalungelo omfaki sicelo kwiimeko zokusilela okwenziwe ngummangalelwe ekuhambiseni ingxelo efungelweyo ngokwemigqaliselo yomhlathi 5 -
Ukuba ngaba umlawuli uyasilela ukuhambisa kunye nokufayila ingxelo efungelweyo emiselweyo kumhlathi 5 ngasentla ngexesha elimisiweyo kuloo mhlathi, umfaki sicelo, ngokwemigqaliselo yomthetho 3 unokufaka isicelo somyalelo, ngokwemigqaliselo yecandelo 8 (a) lomThetho, eyalela umlawuli ukuba athobele.
Kwisaziso esingaphaya ummangalelwa uyakubizwa ukuba abonise isizathu sokuba kutheni isenzo solawulo masingaphengululwa kwaye kunikwe nomyalelo njengoko kubonisiwe kwisaziso sesicelo okanye umyalelo onjalo unikwe njengofanelekileyo nonobulungisa.
Isiphumo sokusilela ukuchasa isicelo
Kwisehlo sokuba ummangalelwa (umlawuli) asilele ukuhambisa kwaye afayile isaziso senjongo yokuchasa isicelo, umfaki sicelo unokuwubeka phantsi umcimbi ukuba uxoxwe kwaye inkundla iyakuwumisela umcimbi engekho ummangalelwa.
UMFAKI SICELO
